














































USTEVIE UDIBENE
NENTANDANE YAKHE
YASEMZANTSI-AFRIKA
kubalisa uWILLIE BOKALA


Kwicwecwe lakhe elithi
Conversation Peace kukho
amazwi athi: Ihlabathi alinakusindiswa ngaphandle kokuba kukho uxolo kuthethathethwano... Mhlawumbi yiloo nto eyenze uStevie Wonder ukususela ngo-1992 wazama ukuza eMzantsi-Afrika ukuze
abonane nomntu woxolo, uNelson Mandela.
Umqweno wakhe uzalisekile mvanje xa ebemenyelwe ekuqalisweni ngokutsha kweSouth African Broadcasting Corporation. Udibene waxhawula uMongameli uNelson Mandela.
Bobabini baye banqwenelana impilo entle xa baye badibana emzini woMongame1i uStevie unqwenele ulutsha lwaseMzantsi-Afrika uxolo olungapheliyo.
Ubeqala ukuza eMzantsi-Afrika uStevie Wonder owaza1elwa eMichigan, ithuba elide ebengomnye



Ustevie Wonder uyaIuthanda uxolo nemvano, uvakalisa oku kwicwecwe elithi Conversation Peace
1UStevie Wonder ephambi kwesixhobo somculo asithandayo -uhadi


UStevie Wonder
oyimvumi ebalaseleyo eMelika ukhe wee cakatha kweli kutshanje eze ekuqalisweni kweSABC etshintshiweyo kwaye ufumene nethuba Iokuya ekuvulweni kwePalamente waza wadibana negorha lakhe uMongameli uNelson Mandela.


Imvumi ebalaseleyo ehlabathini, uStevie Wonder, emi ecaleni komntu amthanda kakhulu, uMongamell uNelson Mandela.
wababephambili kumaMelika aNtsundu aye achasa ucalucalulo lwaseMzantsi-Afrika aza anyanzelisa ukuba kukhululwe ubaw uMandela entolongweni.
UStevie Wonder uzalwe eyimfama, unamacwecwe amaninzi azuze iimbasa. Amacwecwe awashicilela ngo-1990 ingakumbi elithi Talking Book, elithi Inner Visions, elithi Fulfillingness nelithi First Finale aye abalasela embangela azuze iiGrammy Awards ezili-15.
Abantu abaninzi babewathanda la macwecwe ngeyee-70. Okwabangela ukuba uStevie athandwe kungenxa yokushikixa kwezo ngoma zakhe ngezentlalo neepolitiki. Ukuluchasa kwakhe ucalucalulo nokungalingani kwabantu entlalweni kuye kwambangela wathandwa zweni banzi.
Icwecwe lakhe lango-1987 elithi



Characters elibalasele kwezoThando nokuHlonipha abantu alizange lithengiswe kakuhle. Kodwa ke akazange aphelelwe ngumdla, waqalisa ukuqamba elithi Gonversation Peace emxholo walo ubonisa ukuba iinkolelo yakhe esaqhubekayo kukuba indlela esa eluxolweni kuphela kweyona ilungileyo.



Ekunye namalunga ebhunga laseThekwini nabaphathi bakwaPortnet kwint!anganiso ebikwizibuko IaseThekwini.
INkulumbuso Yephondo Elaziwa Ngokuba Nodushe...
UNkulumbuso uMdlalose ethelekisa ingxelo ebhalwe phantsi nonobha!a wakhe wabucala, uNonto Mbokazi kwiofisi yakhe eseLundi.



K
 UYINYANISO ukuba amanqaku amaninzi kumaphepha-ndaba
angephondo lakwazulu-Natal etikhokelwe nguFrank Mdlalose, asoloko eziindaba ezihambis umzimba zokubulawa kwabantu abangenatyala namalungu emibutho yepolitiki ebukulanayo. Phofu ke, ukubhala ezo ndaba lishishini kumaphepha-ndaba.
Yaziwa nanguthathatha into yokuba kukho udushe kweli phondo, yaye lusenokwanda njengokuba kuza kubakho unyulo loomasipala kule nyanga.
lNkulumbuso yeli phondo
bendingayazi de ndachitha iintsuku
ezimbini nayo kutshanje. lngxaki



isenokuba abantu abakwiindawo eziphakathi nelizwe bayibona inkulumbuso yeli phondo ingumntu ongakhathaliyo okhokele abantu abazizaphuli-mthetho.
Eneneni uMdlalose unobuntu yaye ukhathazekile ngemeko yephondo Iakhe. Ukhathazekile ngokudlwengulwa kwabantu, ukuqhekezwa, ukubethwa kwabantu notwaphulo-mthetho lulonke, kanti iyamkhathaza nento yokuba amaphepha-ndaba kube zezona zinto abhala kakhulu rigazo kweli phondo.
Akayivelisi into yokuba uMdlalose uyindoda yoxolelwaniso, ungugqirha, ungutata wekhaya, nendoda ezinikeleyo ekuzameni ukwenza kubekho uxolo nenkqubela-phambili KwaZulu-Natal.
Naye ukhe wabandakanyeka kudushe. Nam ndiyoyika xa ndisiva ukudubula kwemipu ngequbuliso. Phofu nawe uyazi ukuba zide zaqheleka izithonga zemipu kuba kusoloko kudutyulwa.
Eyona nto imbi angasokuze ayilibale kukumbonzeloka ngetshova kwamatsha-ntliziyo eAfrikaner Weerstandbeweging kwiingxoxo zamaqela ngamaqela ngo1 993 apho wayekhokele igqiza leNkatha Freedom Party.
Sandothusa gqitha eso siganeko. Ndandicinga ukuba banokusibulala abo bantu babengathi baphambene. Ndabona imoto yabo ikroboza iingcango ingena ngaphakathi. Ndabaleka ndaya kuzimela kwelinye igumbi nabanye abantu. Kwakuthe nkxwe yingxolo yaye ndinkwantya.
Xa ethetha ngophondo laKwaZulu Natala uthetha ngothando
nanjengendwalutho. Nangona ekufutshane neminyaka engama-65 ubudala, uthetha ngelizwi elicacileyo ngobomi bakhe bepolitiki nangezinto azincamele eli phondo.
Ubomi bakhe buphelele kweli phondo kuba wazalelwa kulo, wafunda kulo, waqeqeshelwa nobugqirha kulo. Nangona waqala ukufunda kwiyunivesithi yaseFort Hare, ukhe wasebenza njengogqirha eAtteridgeville epitoli, wabuyela kweli phondo njengogqirha, ilungu lebhunga nenkokeli yepolitiki.
Ukuba ngugqirha kusenokuba ngowona msebenzi wayewuthanda uMdlalose kuba wayefuna ukuphucula ubomi babantu bakowabo, kodwa akazange athandabuze akufumana ithuba lokuba lilungu leNdtu yowisomthetho yaKwaZulu.
Ukususela ngoko ube nenkqubela enkulu ukususela oko waqala enguMphathiswa wezekhaya ngo-1978. Abantu abamaziyo apho asuka khona baya kungqina ukuba ukhe wanguMphathiswa weMpilo neNtlalo



14 BONA XHOSA- May 1996

		BONA XHOSA - May 199 15

		BONA XHOSA - May 1996 17UFra.nk lVId]I alo se iNkulumb us oyaKwaZulu - NatalUGqt. Frank Mdlalose uyinkokeli yelona phondo Iithwaxwa yimpalalo-gazi, ukuphangwa kuxhotyiwe, ukudlwengulwa, nolwaphulo-mthetho eMzantsi-Afrika, kodwa ikwaliphondo e!iphambili kunamanye kwezoqoqosho nemfundo. Iphondo laKwaZulu-Natal Iiyathandwangabakhenkethi be!i nabamanye amazwe. Kweli nqaku usibalisela ngobomi bakhe,ukuzibandakanya kwakhe kwipolitiki nezinto azincami!eyo eyinkokeli yeli phondo.

18 BONA XHOSA - May 1996

